Deuteronomy 4:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa zilumkele ke, uwugcine umpefumlo wako kunene, ukuba ungalibali ezozinto amehlo ako azibonileyo, nokuba zingemki entliziyweni yako yonke imihla yokudla kwako ubomi: uze uzazise kubantwana bako, nakubantwana babantwana bako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa zigcine, uwugcine umphefumlo wakho kunene, hleze uzilibale izinto azibonileyo amehlo akho; hleze zimke entliziyweni yakho yonke imihla yokuphila kwakho. Uze uzazise oonyana bakho, noonyana boonyana bakho;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa zigcine, uwugcine umphefumlo wakho kunene, hleze uyilibale into ayibonileyo amehlo akho, ingaphumi entliziyweni yakho yonke imihla yobomi bakho uze uwafundise oonyana bakho, noonyana boonyana bakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lumkani ke, nizigcine ubomi benu bonke, hleze nikulibale konke enakubonayo ngamehlo enu, kulibaleke nakwiinkumbulo zenu. Ze nibalisele abantwana benu, ngokunjalo nabazukulwana