Deuteronomy 5:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Mosesi wabiza o‐Sirayeli bonke, wati kubo: Yivani, bo‐Sirayeli! izimiselo nezigwebo endizitetayo ezindlebeni zenu namhla, ukuba nizifunde, nilumkele ukuzenza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawabiza uMoses amaSirayeli onke, wathi kuwo, Yivani, maSirayeli, imimiselo namasiko endiwathethayo ezindlebeni zenu namhla, ukuze niwafunde, nigcine ukuwenza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawabiza uMoses onke amaSirayeli, wathi kuwo, Yiphulaphuleni, maSirayeli, imimiselo nemithetho endiyithethayo kuni namhla, yivani, nifunde, niyenze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uMosis wawabiza onke amaSirayeli, waza wadanduluka wenjenje: “Hoyina, maSirayeli! Phulaphulani, nantsi imimiselo nemigaqo endiyibhengeza ezindlebeni zenu namhlanje. Yifundeni ngenyameko, nize niyithobele.