Deuteronomy 5:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa umhla wesixe̔nxe uyi‐Sabata kayehova, utixo wako; akuyi kwenza namnye umsebenzi ngawo, kwa wena, nonyana wako, nentombi yako, nesicaka sako, nesicakakazi sako, nenkabi yako, neqwaṙashe lako, nazo zonke inkomo zako, nowasemzini wako opakati kwamasango ako; ukuze kupumle isicaka sako nesicakakazi sako njengawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho.Uze ungenzi namnye umsebenzi, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo yakho, ne-esile lakho, neento zakho zonke ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho, ukuze siphumle isicaka sakho nesicakakazi sakho, njengawe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho; Uze ungenzi namnye umsebenzi ngayo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo yakho, neesile lakho, nokuba yiyiphi into ezitho zine, nokuba yiyiphi into ezitho zine, nokuba yiyiphi na ephakathi kwakho, nowasemzini ophakathi kwakho; ukuze uphumle umkhonzi wakho nomkhonzazana wakho njengawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. Nesicaka sakho masiphumle kwanjengawe.