Deuteronomy 5:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lamazwi wawateta uyehova kuwo wonke umhlambi wenu entabeni, epakati kwomlilo, n elifu, nesitokotoko, ngelizwi elikulu, engongezanga nto; waza wawaba̔la pezu kwamacwecwe amatye amabini, wawanika kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Loo mazwi wawathetha uYehova ebandleni lenu lonke entabeni leyo, phakathi komlilo, efini asesithokothokweni, ngezwi elikhulu, akongeza; wawabhala emacwecweni amatye amabini, wawanika mna.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
La mazwi uYehova wawathetha ngezwi elikhulu ebandleni lenu lonke entabeni phakathi komlilo, nelifu, nesithokothoko; akongezi nto. Wayibhala emacwecweni amabini, wandinika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nantso ke imithetho awayibhengezayo kuni uNdikhoyo xa ninonke ngokuya nanihlangene entabeni. Ewe, akukho yimbi imithetho awayivakalisayo ngokuya wayethetha ngelizwi elikhulu eselangatyeni lomlilo kwintshinyela yomsi. Ke yona wayibhala kumacwecwe amabini amatye, wayinika mna.”