Deuteronomy 5:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, nxa nevayo ilizwi livela pakati kwobumnyama, (ngokuba intaba ibisitsha ngomlilo,) nandula nasondela kum, zonke intloko zezizwe zenu, nabadala benu;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, nakuliva ilizwi phakathi kobumnyama, intaba isitsha ngumlilo, nasondela kum, zonke iintloko zezizwe zakowenu, namadoda amakhulu akowenu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Naliva ilizwi eliphuma emnyameni (ngokuba intaba isitsha ngumlilo), neza kum, zonke iintloko zezindlu zooyise, namadoda amakhulu enu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kaloku xa intaba yayingumlilo nje yonke, nathi nakuliva ilizwi esithokothokweni sobumnyama, amadoda amakhulu kunye neentloko zezindlu zenu eza kum,