Deuteronomy 5:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
naye nisiti: Bona ke, uyehova, utixo wetu, usibonisile ubungcwalisa bake nobukulu bake, nelizwi lake silivile livela pakati kwomlilo: namhla nje sibonile ukuba uyehova uyateta nomntu, osapila noko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nathi, Yabona, uYehova uThixo wethu usibonisile ubuqaqawuli bakhe nobukhulu bakhe, nelizwi lakhe silivile phakathi komlilo.Namhla sibonile ukuba uYehova nomntu, aphile noko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye bathi: Qaphelani, iNkosi uThixo wethu isibonisile ubuqaqawuli bayo nobukhulu bayo, kwaye silivile ilizwi layo emlilweni; sibonile namhla, ukuba uThixo wathetha emntwini, waphila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nathi: ‘*UNdikhoyo uThixo wethu usibonisile isihomo nobungangamsha bakhe; kaloku simve ethetha eselangatyeni lomlilo! Namhlanje siyaqonda ukuba kuyenzeka ukuba umntu aphile nangona uThixo athethe naye.