Deuteronomy 5:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wena, yima apa ngakum, ukuba nditete kuwe yonke imiyalelo, nemimiselo, nemigwebo, uya kubafundisa yona, ukuba bayenze elizweni endilinika kubo, ukuze balifuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke wena, yima apha ngakum, ndiyithethe kuwe yonke imithetho nemimiselo namasiko, owobafundisa wona, bawenze ezweni elo ndibanika lona, ukuba balime.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke wena, yima apha nam, ndiyithethe kuwe yonke imithetho nemiyalelo nemiyalelo, oya kubafundisa yona, ukuba bayenze ezweni elo ndibanika ukuba balime.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke, wena Mosis, sala apha kunye nam, ukuze ndikunike imiyalelo, nemimiselo, nemigaqo, uze uwafundise ke amaSirayeli, khon' ukuze ayithobele kwelo lizwe ndiwapha lona.’