Deuteronomy 5:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Niya kuhamba kuzo zonke indlela aniyalele ngazo uyehova, utixo wenu, ukuba nipile, nokuba kulunge kuni, nokuba niyolule imihla elizweni eniya kulifuya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Hambani ngeendlela zonke awaniwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wenu, ukuze niphile; kulunge kuni, niyolule imihla ezweni eloniya kulima.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Hambani ngeendlela zonke aniwisele umthetho ngazo uYehova uThixo wenu, ukuze niphile, nibe nempumelelo, niyolule imihla yenu emhlabeni oya kuwudla ilifa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.”