Deuteronomy 6:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula uyehova wasiyalela ukuba sizenze zonke izim selo ezi, simoyike uyehova, utixo wetu, kube kukuncedwa kwetu onke amaxesha, ukuba asilondoloze ebomini, njengokuba kunjalo namhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wasiwisela umthetho uYehova, ukuba siyenze le mimiselo yonke, ukuba simoyike uYehova uThixo wethu, kulunge kuthi yonke imihla, silondolozelwe ebomini, njengoko kunjalo namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wasiwisela umthetho uYehova, ukuba siyenze le mithetho yonke, ukuba simoyike uYehova uThixo wethu, silunge ngonaphakade, asigcine ebomini, njengoko kunjalo namhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokwenjenjalo ke uNdikhoyo uThixo wethu wasiyalela ukuba siyithobele le mimiselo simhlonele, size ke silungelwe bonke ubomi bethu, siphile njengokuba kunjalo namhlanje.