Deuteronomy 6:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo kwoba bubulungisa betu, nxa silumkela ukuyenza yonke lemiyalelo, ebusweni bukayehova, utixo wetu, njengokuba esiyalele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Koba bubulungisa kuthi, xa sithe sagcina ukuwenza wonke lo mthetho phambi koYehova uThixo wethu, njengoko wasiwiselayo umthetho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuba yinto efanelekileyo kuthi ukuba siyayinyamekela ukuyenza le miyalelo phambi koYehova uThixo wethu, njengoko wasiyalelayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa sithe sayithobela yonke imiyalelo, siya kumkholisa uNdikhoyo uThixo wethu.’ ”