Deuteronomy 6:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pulapula ke, Sirayeli! ulumkele ukuyenza; ukuba kulunge kuwe, nokuba nande kakulu, (njengokuba etetile uyehova, utixo woyihlo bako, kuwe,) elizweni elela ubisi nobusi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yiva ke, Sirayeli, ugcine ukwenza, ukuze kulunge kuwe, ukuze nande kunene ezweni elibaleka amasi nobusi, njengokuba uYehova, uThixo wooyihlo, akuthethileyo kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khawuve, Sirayeli, ukuze izinto zinihambele kakuhle, nande, njengoko uYehova, uTHIXO wookhokho benu, wakuthembisayo, ezweni eliqukuqela ubisi nobusi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hoyina, maSirayeli! Yiphulaphuleni niyithobele le miyalelo! Xa niyenzile ke loo nto nolungelwa nande kakhulu kwelo lizwe lendyebo eliphuphuma ubisi nobusi, elo nilinikwa ngokwesithembiso sikaNdikhoyo uThixo wooyihlo.