Deuteronomy 7:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kutanyusanqelwa pezu kwabantu bonke; akuyi kubako pakati kwenu udlolo nodlolokazi, napakati kwenkomo zako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wosikeleleka ngaphezu kwezizwe zonke; akusayi kubakho nto ingazaliyo, nokuba yindoda nokuba ngumfazi kuwe; nasezinkomeni zakho ayisayi kubakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wosikeleleka ngaphezu kweentlanga zonke; akusayi kubakho nto ingazaliyo, nasezinkomeni zakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ehlabathini liphela akuyi kubakho sizwe sithamsanqeleke njengani. Phakathi kwenu soze abekho umntu ngokunjalo nemfuyo engazaliyo.