Deuteronomy 7:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova eya kukwelelisa kuwe zonke izikuhlane; nezifo zase‐Jipete ezibi, ezo uzaziyo, akayi kubeka nasinye pezu kwako, uya kuzibeka pezu kwabo bonke abakutiyayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wosusa zonke izifo kuwe; nobulwelwe bonke obubi baseYiputa, obo ubaziyo, akayi kububeka kuwe; uya kububeka kubo bonke abakuthiyayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wozisusa zonke izifo kuwe; buya kuba ngumthwalo kuni bonke abanithiyayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uya kunikhusela kuzo zonke izifo; soze aniyekele ngezifo ezifana nezo zoyikekayo zaseJiputa, kambe ke zona iintshaba zenu uya kuzibetha ngezi zifo.