Deuteronomy 7:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo uya kugqibela bonke abantu ubanikiweyo nguyehova, utixo wako; iliso lako aliyi kuba nosizi pezu kwabo; notixo babo akuyi kubakonza; ngokuba kuya kuba ngumgibe kuwe oko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze uzidle zonke izizwe ezo akunikayo uYehova uThixo wakho;iliso lakho lingabi nanceba kuzo, ungabakhonzi oothixo bazo;ngokuba ngumgibe lowo kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uzitshabalalisile zonke iintlanga aya kuzisindisa wena uYehova uThixo wakho; malingabi nanceba kubo iliso lakho; ungabakhonzi oothixo bazo; kuba kuya kuba ngumgibe kuni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ze nizitshabalalise zonke izizwe azinikele kuni uNdikhoyo uThixo wenu, ningazenzeli nceba konke-konke. Ze ningazikhonzi izithixo zazo, kuba ngokwenjenjalo noba nizenzela umgibe.