Deuteronomy 7:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ezozilingelo zikulu azibonileyo amehlo ako, nemiqondiso, nemimangaliso, nesandla esomeleleyo, nengalo eyolulweyo, owabenipumisa ngazo uyehova, utixo wako: uya kwenje njalo uyehova, utixo wako, kubo bonke abantu uboyikayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
izilingo ezikhulu azibonileyo amehlo akho, nemiqondiso, nezimanga, nesandla esithe nkqi, nengalo eyolukileyo, awakukhupha ngazo uYehova uThixo wakho. Uya kwenjenjalo uYehova uThixo wakho kuzo zonke izizwe ozoyikayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
izilingo ezikhulu azibonileyo amehlo akho, nemiqondiso nezimanga nesandla esomeleleyo nesandla esoluliweyo awakukhupha ngaso uYehova uThixo wakho; uya kwenjenjalo uYehova uThixo wakho kuzo zonke iintlanga ozoyikayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nditsho ezo zibetho zirhwaqelisayo nazibonayo ngawenu amehlo: loo miqondiso, naloo mimangaliso, ngokunjalo nobungangamsha namandla awanikhulula ngawo uNdikhoyo uThixo wenu. Uya kwenjenjalo ke nakwezi zizwe nizoyikayo.