Deuteronomy 7:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova, utixo wako, eya kugxota intlanga ezo pambi kwako ngento encinane nangento encinane: akuyi kunxama ukuzigqibela hleze ziya kwanda pezu kwako izilo zasendle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova uThixo wakho uya kuzinyothula ezi ntlanga ebusweni bakho, kancinane, kancinane. Akuyi kuba nako ukuziphelisa kamsinya, hleze ande akongamele amarhamncwa asendle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova uThixo wakho uya kuzigqogqa kancinane ezo ntlanga phambi kwakho; ize ningawadli kamsinya, hleze ande ande phezu kwenu amarhamncwa elizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekungeneni kwenu uNdikhoyo uThixo wenu uya kuzigxotha ngokuzigxotha ezi zizwe. Aniyi kusuka nizitshabalalise ngaxesha-nye, kuba ngaloo ndlela angasuka ande amarhamncwa, ke nina nibe semngciphekweni.