Deuteronomy 7:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokumkani bazo wobanika esandleni sako, wauya kububisa igama lazo pantsi kwezulu; akuko mntu oya kuma pambi kwako, ungekazitshabalalisanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
abanikele ookumkani bazo esandleni sakho, ulicime igama labo phantsi kwezulu. Akuyi kuma mntu ebusweni bakho, ude uzitshabalalise zona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ookumkani bazo ubanikele esandleni sakho, uwacime amagama abo phantsi kwezulu; akukho mntu uya kuma ngakuwe ude uzitshabalalise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izikumkani zazo uya kuzinikela ezandleni zenu; ke nina niya kuzitshabalalisa zingabi sakhunjulwa. Akukho mntu uya kuba nako ukumelana nani, naye ke niya kutshabalalisa nivuthulule konke nje.