Deuteronomy 7:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako akuyi kungenisa into eyintshontsho endlwini yako, hleze ube yinto elahlelwe ekutshatyalalisweni njengayo: uya kugqibela ukuyitiya, uya kugqibela nokuyizonda: ngokuba iyinto elahlelwe ekutshatyalalisweni yona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze ungalingenisi isikizi endlwini yakho, ukuze ungabi yinto yokusingelwa phantsi njengalo. Ize ibe nezothe, ibe linyala kuwe, ibe lisikizi kuwe, ngokuba yinto yokusingelwa phantsi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze ungangenisi nanye into elisikizi endlwini yakho, ukuze ungaqalekiswa njengalo; ngokuba iyinto esingelwe phantsi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le mifanekiso ze ningayingenisi emizini yenu, hleze nithi ngokwenjenjalo nizithathele ishwangusha kwanjengokuba nayo iqalekisiwe. Kufuneka niyithiye niyenyanye imifanekiso, kuba kaloku imelwe kukutshatyalaliswa.”