Deuteronomy 7:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba ziya kupambukisa onyana bako kum, ukuba bakonze otixo bambi; ize ivute ingqumbo kayehova ngakuni, ikutshabalalise kamsinya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba yomtyekisa unyana wakho angandilandeli, bakhonze thixo bambi, uvuthe umsindo kaYehova kuni, akutshabalalise kamsinya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba yomtyekisa unyana wakho kum, akhonze thixo bambi; uya kuvutha umsindo kaYehova kuni, anitshabalalise ngoko nangoko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kuba ningáthi niyenzile loo nto zibawexule bamlahle uNdikhoyo abantwana benu, banqule thixo bambi. Ingáthi ikhe yenzeka loo nto uNdikhoyo acaphuke anitshabalalise ngoko nangoko.