Deuteronomy 7:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ningabantu abangcwele nina kuyehova, utixo wenu: nina uniqashile uyehova, utixo wenu, ukuba nibe ngabantu abanqabileyo kuye, ngapezu kwabo bonke abantu abasebusweni bomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wakho;uninyule uYehova uThixo wakho, ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, kunabantu bonke abaphezu komhlaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba uluhlanga olungcwele kuYehova uThixo wakho; uYehova uThixo wakho uninyule ukuba nibe ngabantu bakhe abakhethekileyo ngaphezu kwezizwe zonke zehlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le nto ke noyenza kuba kaloku nina niyimilowo kaNdikhoyo uThixo wenu. Kaloku kuzo zonke izizwe zehlabathi uNdikhoyo uThixo wenu uninyulele ukuze nibe ngabantu abalibango lakhe elilodwa.