Deuteronomy 7:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kungenxa yokuba uyehova ebenitanda, nokuba ebeya kugcina isifungo owabefungele oyihlo benu ngaso, anipumisileyo uyehova ngesandla esomeleleyo, wanikulula endlwini yobukoboka, esandleni sika‐Faro ukumkani we‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kungokunithanda kukaYehova, kungokusigcina kwakhe isifungo abesifungele ooyihlo, le nto anikhuphe ngesandla esithe nkqi uYehova, wanikhulula ngentlawulelo endlwini yobukhoboka, esandleni sikaFaro, ukumkani waseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ngenxa yokunithanda kukaYehova nokusigcina kwakhe isifungo awasifungela ookhokho benu, uYehova unikhuphe ngesandla esomeleleyo waza wanikhulula kwindlu yamakhoboka esandleni sikaFaro, ukumkani waseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uninyule kuba enithanda, efuna ukusigcina isifungo awasenzela ooyihlo-mkhulu. Kwakungenxa yeso sizathu ukuze anihlangule ngamandla akhe amakhulu, anikhulule ebukhobokeni phantsi kokumkani waseJiputa.