Deuteronomy 8:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
owakuhambisayo kulontlango inkulu eyoyikekayo, apo zikoyo inyoka ezibumliloṙa, nonomadudwane, nokwoma, apo kungeko amanzi kona; owakupumisela amanzi eweni lelitye elilukuni;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
owakuhambisayo entlango enkulu eyoyikekayo, eneenyoka ezinobuhlungu, noonomadudwane, nebalelelwe lilanga, engenamanzi; owakuvelisela amanzi eweni leqhwitha;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
owakukhokelela kwintlango enkulu eyoyikekayo, eneenyoka ezinobuhlungu, noonomadudwane, ekunxanelweni kwamanzi; owakhupha amanzi eweni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku yena wanikhokela kweso sithabazi sentlango eyoyikekayo, apho kwakukho iinyoka ezinobuhlungu ndawonye noonomadudwane. Apho kanye kuloo nkangala ingenamanzi wanivelisela amanzi eliweni lenyengane.