Deuteronomy 8:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wakutoba ke, wakulambisa, waza wakudlisa imana, into ubungayazi, abebengayazi noyihlo bako; ukuze akwazise ukuba akungaso isonka sodwa apilayo umntu, koko kungako konke okupumayo emlonyeni kayehova apilayo umntu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakuthoba, wakulambisa, wakudlisa imana, into obungayazi, ababengayazi nooyihlo; ukuze akwazise ukuba akaphili ngasonka sodwa umntu; umntu lo yena uphila ngento yonke ephuma emlonyeni kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakuthoba, wakulambisa, wakudlisa imana obungayazi, ababengayazi ooyihlo; ukuze akwazise ukuba akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wanithoba eniyekela ngendlela, waza kananjalo wanipha *imana, kutya oko naningakwazi, nina ngokunjalo nooyihlo-mkhulu. Le nto ke wayenza kuba efuna niqonde nazi ukuba ubomi bomntu abuxhomekanga kutyeni kuphela, koko buxhomekeke kuwo onke amazwi kaNdikhoyo.