Deuteronomy 9:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova kum: Suka, nxama uhle apa; ngokuba abantu bako, abo ubakupileyo e‐Jipete, sebezonakalisile; bapambukile kamsinya endleleni endibe ndibayalela ngayo; bazenzele umfanekiso otyityishiweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kum, Suka uhle apha kamsinya; ngokuba bonakalisile abantu bakho obakhuphileyo eYiputa; batyeka kamsinya endleleni leyo ndibawisele umthetho ngayo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kum, Vuka, umke apha kamsinya; ngokuba abantu bakho obakhuphileyo eYiputa bonile baphela; batyeka kamsinya endleleni endabawisela umthetho ngayo; bazenzela umfanekiso otyhidiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke kaloku uNdikhoyo wathi: ‘Khawuleza uhle, kuba abantu bakho owabakhokela uphuma nabo eJiputa bonile. Ngokukhawuleza nje sebephumile endleleni endabayalela yona; ngoku bazenzele umfanekiso otyhidiweyo.’