Deuteronomy 9:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandul’ ukuziwisa pambi kwoyehova, njengasekuqaleni, imini zamashumi mane nobusuku bakwa mashumi mane; isonka bendingasidli, namanzi bendingawaseli; ngenxa yazo zonke izono zenu enibe nonile ngazo, ngokwenza okubi emehlweni kayehova ukumqumbisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndawa phantsi phambi koYehova, njengokokuqala, iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; ndingadli sonka, ndingaseli manzi, ngenxa yezono zenu zonke, enone ngazo ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba nimqumbise;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndawa phantsi phambi koYehova, njengemini yokuqala, iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; Andidlanga sonka, andiselanga manzi ngenxa yezono zenu zonke, enone ngazo ngokwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba nimqumbise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kwakhona ke ndazikhahlela phantsi phambi koNdikhoyo amashumi amane eentsuku nobusuku bazo, ndingatyi ndingaseli. Le nto ke ndayenza kuba nina nanimonile kakhulu namcaphukisa ngobubi enabenzayo uNdikhoyo.