Deuteronomy 9:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bendisoyikela ingqumbo nomsindo abequmbile ngawo uyehova pezu kwenu ukunitshabalalisa. Kodwa uyehova wabepulapula kum nangeloxesha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba bendinxunguphele ngumsindo nobushushu abenoburhalarhume ngabo uYehova kuni, ukuba anitshabalalise. Ke uYehova wandiva nangeso silulandlo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba bendiwoyika umsindo nokuvutha komsindo kaYehova ukuba anitshabalalise. Kodwa ngelo xesha uYehova wandiva.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndandisoyika gqitha, kuba uNdikhoyo wayekhathazekile, ecaphuka kangangokuba waphantse wanitshabalalisa. Kambe ke nangeso isihlandlo uNdikhoyo wandiphulaphula.