Deuteronomy 9:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
hleze liti elozwe ubusipumisa kulo: Ngenxa yokuba ebekohliwe uyehova ukubangenisa elizweni, owabetetile ngalo kubo, nokuba wabatiya, kukona abapumisileyo ukuba abafise entlango.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kungokuba ebengenako uYehova ukubangenisa kulo ilizwe abethethe ngalo kubo; kungokuba ebebathiya, le nto wakhuphayo, ukuze ababulalele entlango.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilizwe enisikhuphe kulo malingatsho ukuthi, ‘Kungenxa yokuba uYehova engabangenisanga kwilizwe awayebathembise lona, yaye ngenxa yokuba wayebathiyile, wabathumela ukuba bababulalele entlango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
okanye amaJiputa osuka athi: “UNdikhoyo wayengenako ukubathatha abantu bakhe abase kwelo lizwe wayebathembise ngalo. Kungenxa yokuba ebathiyile ukuze emke nabo aye kubaphosa entlango, khon' ukuze ababulale khona.”