Deuteronomy 9:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yazi ke namhla, ukuba uyehova, utixo wako, unguye oya kuwela pambi kwako, ongumlilo odlayo; nguye oya kubatshabalalisa, nguye oya kubatobisa ebusweni bako; wauya kubagqogqa, ubabubise kamsinya, njengokuba etetile uyehova kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yazi ke namhla, ukuba uYehova uThixo wakho nguye owela phambi kwakho, engumlilo odlayo. Wobatshabalalisa, wobathoba phambi kwakho; ubagqogqe, ubacime kamsinya, njengoko wathethayo kuwe uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yazini namhla, ukuba uYehova uThixo wakho nguye onikhokelayo; njengomlilo odlayo, uya kubadla, abawise phambi kwakho; bagqogqani ngoku, nibatshabalalise kamsinya, njengoko wathethayo kuni uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke nina niza kuzibonela ngokwenu, kuba *uNdikhoyo uThixo wenu uza kunandulela engumlilo odangazelayo. Ezo zizwe úya kuzoyisa azithobe, nize nina nizigxothe nizitshabalalise ngokukhawuleza ngokwesithembiso sakhe.