Deuteronomy 9:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yazi ngoko, ukuba akungokulunga kwako uyehova, utixo wako, akupayo elilizwe lilungileyo ukulifuya: ngokuba ungabantu abantamo ilukuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yazi ke, ukuba akungabulungisa bakho, le nto uYehova, uThixo wakho, akunikayo eli lizwe lihle ukuba ulime; ngokuba ningabantu abantamo ilukhuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yazi ukuba uYehova, uThixo wakho, akakunikanga eli hlabathi lilungileyo, ngenxa yobulungisa bakho; ngokuba ningabantu abaneenkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenene mayicace mhlophe into yokuba uNdikhoyo uThixo wenu eninika eli lizwe lihle kangaka nje akukho ngenxa yobulungisa benu, kuba kambe nina nisisizwe esineenkani.