Deuteronomy 9:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kumbula, ungalibali, okokuba ubuqumbisa uyehova, utixo wako, entlango: kwa kulowamhla nibe nipuma ngawo ezweni le‐Jipete, nide nafika kulendawo, nivukelene noyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khumbula, musa ukulibala ukumqumbisa kwakho uYehova, uThixo wakho, entlango; kususela kwimini owaphumayo ezweni laseYiputa, wada wangena kule ndawo, naba neenkani kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khumbula, ungayilibali indlela owamcaphukisa ngayo uYehova uThixo wakho entlango: kususela kwimini owaphuma ngayo ezweni laseYiputa wada wafika kule ndawo, namvukela uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nokhumbula kaloku ukuba nina namcaphukisa uNdikhoyo uThixo wenu entlango. Ukusukela kwimini enemka ngayo eJiputa nada naza kufika apha, namvukela okokoko.