Ecclesiastes 1:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuko into na ekungatiwa ngayo: Bona ke, yinto entsha le? Ibise iko kade, ngamaxesha akudala abepambili kuti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba kukho into ekuthiwa, Yabona, le intsha! ibiselikho kade, emaphakadeni abekho ngaphambi kwethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba kukho into ekuthiwa, Yabona, intsha! phambi kwethu kwakudala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ungabeva besithi: “Uyabona ke, intsha le nto!” Ukanti ke ibikho kakade, ntlandlolo kwangaphambili.