Ecclesiastes 1:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndanikela intliziyo yam ukufuna nokupanda ngobulumko konke okwenziwayo ngapantsi kwezulu: lomsebenzi onzima utixo uwunikile konyana babantu, ukuba bazisebenzise ngawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Intliziyo yam ndayinikela ukuba ingxoke, isingasinge ngobulumko, yonke into eyenzekayo phantsi kwezulu; ngumzamo ombi uThixo awunike oonyana babantu, ukuba bawuzame.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Intliziyo yam ndayinikela ukuba iphengulule yaye iphengulule ngobulumko ngayo yonke into eyenzekayo phantsi kwesibhakabhaka: lo mzamo wobuhlungu uThixo awunike oonyana babantu ukuze baqeqeshwe ngabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndasuka ndazimisela ukuphicotha ndenze uphando ngobulumko ngazo zonke izinto ezenzekayo ehlabathini. Ewe, uThixo ubanike uxanduva lomzabalazo otyhafisayo abantu.