Ecclesiastes 1:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ilanga nalo liyapuma, ilanga kanjalo liyatshona, linxamela endaweni yalo apo lipuma kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ilanga liyaphuma, ilanga libuya litshone, liphikele endaweni yalo apho liphuma khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilanga liyaphuma kwakhona, ilanga litshona lize liphikele kwindawo yalo apho liphume khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ilanga liyaphuma, kanti ke ilanga libuya litshone, lize ke likhawuleze liye apho liya kuphuma khona.