Ecclesiastes 10:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umzamo wosidenge uyamdinisa, ngokuba engazi ukuti nina ukuya esixekweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imigudu yezidenge iyazixhamla, ezingakwaziyo ukuya emzini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umsebenzi wezidenge uyazidinisa zonke ezo, ngokuba aziyazi indlela yokuya emzini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu ongenangqondo uzidinisa ngomsebenzi, aze ke akhohlwe nayindlela egodukayo isiya esixekweni.