Ecclesiastes 11:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa amafu azele yimvula, ayayitulula pezu kwomhlaba; naxeshekweni umti uwayo ngasesuyide, umhlaumbi ngasenode, endaweni apo uwileyo umti lowo, uya kubako kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba amafu athe azala yimvula, ayithululela emhlabeni;ukuba umthi uthe wawa, wabheka ezantsi, nokuba uthe wabheka entla, kuloo ndawo uwe kuyo umthi lowo, wolala khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa amafu ezele yimvula, agaleleka emhlabeni; ukuba umthi uthe wawa, wabheka ezantsi, nokuba uthe wabheka entla, kuloo ndawo uwe kuyo umthi lowo, yoba lapho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amafu xa anemvula ayithulula emhlabeni; noba umthi uwela ngasezantsi okanye ngasentla, kodwa uhlala uthi ncwaba kuloo ndawo uwe kuyo.