Ecclesiastes 11:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Njengokuba ungazi ukuba iyinina indlela yomoya, njengokuba ungazi amatambo asesizalweni somitiyo, kwa njalo akuwazi umsebenzi katixo okwenzayo konke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Njengokuba ungayazi ukuba yiyiphi na indlela yomoya, kwanjengokuyilwa kwamathambo esiswini somithiyo; ngokunjalo akusazi isenzo sikaThixo owenza izinto zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kanye njengokuba ungayazi indlela yomphefumlo kwanendlela akhula ngayo amathambo esibelekweni somfazi omithiyo, ngokunjalo akuyazi imisebenzi kaThixo owenza zonke izinto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Njengoko ungayazi indlela yomoya, ungamazi nokuba wenziwa njani na umntu esizalweni sonina, kananjalo soze ukuqonde nokusebenza kukaThixo onguMdali weento zonke.