Ecclesiastes 11:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nokuba umntu uya kuhlala iminyaka ibe mininzi, avuye kuyo yona yonke, makakumbule noko imihla yobumnyama, ukuba iya kuba mininzi; konke okuzayo kokungendawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba umntu, ukuba uthe wadla ubomi iminyaka emininzi, makavuye ngayo yonke iphela, noko ke akhumbule imihla yobumnyama, ukuba iya kuba mininzi. Yonke into ezayo ingamampunge.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba umntu uthe wadla ubomi iminyaka emininzi, wadla ubomi ebantwini bonke; Makakhumbule imihla yobumnyama; ngokuba baya kuba baninzi. Yonke into ezayo ingamampunge.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yixhamle ngokobungakanani bayo iminyaka yokudla kwakho ubomi, ukhumbule ukuba imihla yobumnyama xa ungasekhoyo iya kuba mininzi. Ewe, yonke into ezayo ingamampunge.