Ecclesiastes 11:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Vuya, ndodana! ebutsheni bako, iti ke intliziyo yako ikucwayitise emihleni yobudodana bako, uhambe ngendlela zentliziyo yako, nangombono wamehlo ako: yazi ke kodwa, ukuba, ngenxa yezizinto zonke, utixo wokuzisa ekugwebeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Vuya, ndodana, ebutsheni bakho, ikuchwayithise intliziyo yakho ngemihla yobudodana bakho, uhambe ngeendlela zentliziyo yakho, nangokukhangela kwamehlo akho; kodwa yazi ukuba ngenxa yezo zinto zonke uThixo uya kukusa ematyaleni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Vuya, ndodana, ebutsheni bakho; ikuvuyise intliziyo yakho ngemihla yesijwili sakho, uhambe ngeendlela zentliziyo yakho, nangokukhangela kwamehlo akho; kodwa yazini ukuba uThixo uya kunigweba kuko konke oko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena mntu osemtsha, yonwaba ngethuba lobutsha bakho, intliziyo yakho ichwayite lo gama uselula. Yenze loo nto isentliziyweni yakho, nditsho leyo ibonwa ngamehlo akho, kambe ke ukhumbule ukuba uza kuziphendulela enkundleni kaThixo ngayo yonke into oyenzileyo.