Ecclesiastes 12:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nengcango zivalwe esitarateni, sakuba isandi sokusila sitambile, aze avuke ngelizwi lentaka, ziti zonke intombi zokucula zitotywe;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
zivalwe iingcango ngasesitratweni, kwakubon ukuba sidambile isandi sokusila, evuka kwazisathetha iintaka, zinqwilile zonke iintombi zengoma;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ziya kuvalwa iingcango ezitratweni, sakudamba isandi sengxokozelo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iindlebe ziya kuba sezixinene, ungabi sayiva nengxolo esesitalatweni, nditsho nesandi selitye lokusila. Uya kuvuka kusasa zisantyiloza iintaka, noxa kungasekho nayiphi na ingoma onokuyiva.