Ecclesiastes 2:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndati entliziyweni yam: Njengokuba kuhlela isidenge, kwa njalo kuya kundihlela kwa mna; kunganina ke ngoko ukuba ndigqitisile ngobulumko? Ndandul’ ukuteta entliziyweni yam ukuti: Oku kokungendawo nako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi mna entliziyweni yam, Njengoko sihlelwa kuko isinyabi, ndiya kuhlelwa kuko nam lo: ibiyini na ke ukuba ndisidlule mna ngokulumka? Ndathi entliziyweni yam, Kwanaloo nto ingamampunge.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi mna entliziyweni yam, Njengoko sihlelwa kuko isinyabi, kuya kuba njalo nakum; kwaye kutheni ndikrelekrele ngakumbi? Ndathi ke entliziyweni yam nalo ngamampunge.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndagqiba kwelithi: “Nam ngokwam ndiya kufa kwanjengesityhakala, ibe yintoni ke endiyizuzileyo ngobulumko?” Ndaza ndagqiba kwelithi: “Nale ke into ikwangamampunge.