Ecclesiastes 2:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kungeko inkunjulwa kwolumkileyo njengeyosidenge kude kube ngunapakade; ngokokuba, njengapambili, emihleni ezayo bolityalwa kwa bonke. Hai ke ukufa kwolumkileyo ukufana nokwesidenge!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba isilumko kunye nesinyabi asinakukhunjulwa kungunaphakade, ekubeni kusiza iimini ezoba sezilityelwe zonke ezo nto. Kutheni na, ukuba zife izilumko kunye nezinyabi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba akukho silumko ngaphezu kwesidenge, ukuze kukhunjulwe ngonaphakade; ngokuba oko kuza kweli phakade kuya kulibaleka. Ke yena umntu osisilumko ufa njani? ngaphezu kwesidenge.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isilumko siyalityalwa, kanti nesityhakala asikhunjulwa. Ngemihla ezayo bobabini bayalityalwa, bangabi sakhunjulwa. Kukugqwesa ngantoni ke ukufa kwesilumko ukufa kwesityhakala?”