Ecclesiastes 2:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti ngubanina owaziyo ukuba woba lilumko, woba ligeza, kusinina? Woti ke noko abe namandla pezu kwayo yonke inzuzo yam endiyizameleyo, nendenzileyo ngobulumko ngayo, ngapantsi kwelanga. Oku kokungendawo nako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waziwa ngubani na, ukuba woba sisilumko, nokuba woba sisiyatha, kusini na? Ukanti uya kugunyazela emigudwini yam yonke endaphuka yiyo, endalumkayo kuyo phantsi kwelanga;kwanaloo nto ingamampunge.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waziwa ngubani na, ukuba woba sisilumko, nokuba woba sisiyatha, kusini na? Noko ke uya kulawula kuzo zonke iinzame endazifundisayo, kwaye ndenze ngobulumko phantsi kwelanga. Oku kukwabubudenge.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwazi bani ke ukuba woba sisilumko okanye isityhakala? Ukanti ke noba kunjalo konke ukubulaleka nobuchule bam apha phantsi kwelanga buya kuba semandleni akhe. Hayi suka, ngamampunge lawo!