Ecclesiastes 2:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuko nto elungele umntu ngapezu kwokuba atye, asele, awuvise umpefumlo wake ubuyolo kuwo umzamo wake. Ndayibona nalento ukuba yavela esandleni sikatixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akukho nto ilungileyo ebantwini kunokuba badle, basele, bawubonise umphefumlo wabo okulungileyo emigudwini yabo.Kwanaloo nto ndiyibonile, ukuba ivela esandleni sikaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akukho nto ilungileyo ebantwini kunokuba badle, basele, ukuze umphefumlo wakhe ube nemihlali ngemisebenzi yakhe. Ndaphinda ndabona ukuba iphuma esandleni sikaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ayikho enye into angayenzayo umntu ngaphandle kokuba atye asele, ahlale anelisekile kukubulaleka kwakhe. Phofu ke naleyo ndafumanisa ukuba iphuma kwasesandleni sikaThixo,