Ecclesiastes 2:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba umntu olungileyo ebusweni bake emnika ubulumko, nokwazi, novuyo; kodwa umoni uyamnika umsebenzi wokuhlanganisa nokubuta, ukuba anike kolungileyo ebusweni bukatixo. Oku kokungendawo nokukatazeka kwomoya nako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba umntu olungileyo phambi kwakhe umnika ubulumko nokwazi novuyo; ke yena umoni umnika umzamo wokuhlanganisa nokuqweba, ukuze loo nto ayinike olungileyo phambi koThixo.Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba umntu olungileyo phambi kwakhe umnika ubulumko nokwazi nolonwabo; ke yena umoni umnika ubutyebi, ukuze amnike okulungileyo phambi koThixo; Kukwalilize nentuthumbo yokomoya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uThixo umnika ubulumko, ingqiqo, nokonwaba, loo mntu umkholisayo; kambe ke bona abagwenxa abanike uxanduva lokusebenza nzima, beqweba beqokelela ubutyebi, ukuze ke babunikezele kwabo bakholisa uThixo. Ngenene nale into ngamampunge, ifana nokusukelana nomoya.