Ecclesiastes 2:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndafuna entliziyweni yam ukur̔ola inyama yam ngeveyine, intliziyo yam isakapa ngobulumko; nokubamba ubudenge, ndide ndibone ukuba kuyinina oko kulungele onyana babantu, abaya kukwenza ngapantsi kwezulu, ngenani lemihla yobomi babo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndasingasinga entliziyweni yam ukuba nditsale inyama yam ngewayini, ekubeni intliziyo yam iziqhuba ngobulumko: ukuba ndazane nobuyatha, ndide ndibone ukuba yiyiphi na into ebalungeleyo oonyana babantu, ukuze bayenze phantsi kwezulu, ngemihla embalwa yobomi babo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bendisithi, ngentliziyo yam ukuzinikela ewayinini, kodwa ndayinikela intliziyo yam ngobulumko; yaye ndibambelele ngobudenge de ndibone oko baya kukwenza oonyana babantu phantsi kwezulu yonke imihla yobomi babo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndacamanga entliziyweni yam ukuba mandithi lo gama ndifuna ubulumko khe ndizilahlele kwiwayini, ndiziphathe okwesityhakala, ndide ndibone ukuba yeyiphi into ebalungeleyo oonyana babantu ukuba bayenze apha emhlabeni ngemihla embalwa yobomi babo.