Ecclesiastes 2:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndazuza izicaka nezicakakazi, ndabendinabo abazelweyo endlwini yam; kanjalo bendinemfuyo yenkomo nezimvu into eninzi, ingapezu kweyabo bonke abebepambili kum e‐Yerusaleme;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndathenga amakhoboka namakhobokazana, ndaba nawo nazalelwe endlwini yam. Kananjalo imfuyo yeenkomo neyempahla emfutshane yaba ninzi kum, ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwam eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndazuza izicaka nezicakakazi, kwaza kwazalelwa endlwini yam; Kananjalo bendineenkomo neenkomo ezininzi ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwam eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndandizithengela amakhoboka angamadoda nabhinqileyo, kwada kwakho namakhoboka azalelwa emzini wam. Ndandinemihlambi emininzi yeenkomo nempahla emfutshane ngaphezu kweyabo bonke abakhe bahlala ngaphambi kwam eJerusalem.