Ecclesiastes 3:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zonke izinto uzenzile zintle ngexesha lazo: kanjalo ubunapakade ububekile entliziyweni yabo, ekungeko mntu ongati ngapandle kwabo afumane umsebenzi awenzileyo utixo, ekuqaleni kude kube sekupeleni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zonke izinto uzenze zantle ngexesha lazo; kwanephakade ulinikele ezintliziyweni zabo ngohlobo lokuba umntu angasifumani isenzo asenzayo uThixo, athabathele ekuqaleni ade ase ekupheleni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zonke izinto uzenze zantle ngexesha lazo; walibeka elimiweyo ezintliziyweni zabo, ukuze ungawazi namnye umsebenzi awawenzayo uThixo, athabathele ekuqaleni ade ase ekupheleni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni.