Ecclesiastes 3:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sendikwazi ukuba konke akwenzayo utixo, oko kwobako kude kube ngunapakade; akungongezwe nto kuko, akungesuswe nto kuko kanjako; uyenje njalo utixo, ukuba kwoyikwe ebusweni bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyazi ke ukuba yonke into aya kuyenza uThixo, yiyo eya kuba ngonaphakade; kungongezwa nto kuyo, kungacatshulwa nto kuyo: uThixo ukwenzela ukuba koyikwe ebusweni bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiyazi ke ukuba yonke into aya kuyenza uThixo, yiyo eya kuba ngonaphakade; akukho nto inokuziswa kuyo kwaye akukho nto inokukhutshwa kuyo; yaye uThixo uyakwenza oko ukuze abantu bamoyike.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyazi ukuba yonke into eyenziwa nguThixo iya kuhlala ihleli; akukho nto inokongezwa kuyo, kungekho nto inokususwa kuyo. UThixo uyakwenza oku ukuze ahlonelwe ngabantu.