Ecclesiastes 3:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndati entliziyweni yam: Olungileyo nokohlakeleyo wobagweba utixo: ngokuba kuko ixesha kuyo yonke imicimbi nakuyo yonke imisebenzi kona apo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi mna entliziyweni yam, Nolilungisa nongendawo, uThixo uya kulithetha ityala labo; ngokuba umise ixesha layo yonke imicimbi, nazo zonke izenzo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi mna entliziyweni yam, Nolilungisa nongendawo, uThixo uya kulithetha ityala labo; ngokuba umise ixesha layo yonke imicimbi, nazo zonke izenzo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndagqiba kwelithi: “UThixo uza kugweba bonke, abalungileyo nabakhohlakeleyo, kuba umise ixesha layo yonke imicimbi nazo zonke izenzo.”