Ecclesiastes 3:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba okuhlela onyana babantu, nokuhlela izilo, — bahlelwe yinto ekwa nye; njengokububa kwabo bona, kunjalo ukububa kwazo zona: ewe, banomoya umnye bonke; kanjalo ukudlula kwabantu pezu kwezilo akubonakali; ngokuba bonke bekokungendawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba bayahlelwa oonyana babantu, ziyahlelwa neenkomo, sinye isihlo kubo nakuzo; njengoko kunjalo ukufa kwabo, kunjalo ukufa kwazo; mnye umoya kubo bonke nakuzo zonke; akukho kuyigqitha komntu inkomo; ngokuba zonke ezo nto zingamampunge.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba bayahlelwa oonyana babantu, ziyahlelwa neenkomo, sinye isihlo kubo nakuzo; njengoko kunjalo ukufa kwabo, kunjalo ukufa kwabo; ewe, mnye umoya kubo bonke; ngokokuba akukho namnye ngaphezu kwenkomo, ngokuba yonke into ingamampunge.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku isiphelo somntu siyafana nesesilwanyana. Ukufa kubabopha ngentambo enye ngokufanayo. Ewe, umoya mnye emntwini nasesilwanyaneni. Ke umntu akasidluli nganto isilwanyana. Yonke into ingamampunge.